INGQOKELELA YEMITHETHO ECWANGCISIWEYO KUNYE NENKQUBO YEZOLULEKO YENKONZO ZIKAWONKEWONKE.
IINJONGO KUNYE NAMATHUBA
Injongo yeNgqokelela yeMithetho Ecwangcisiweyo kunye neNkqubo kuku:
xhasa imicimbi yezemisebenzi eyakhayo kwinkonzo zikawonkewonke;
nyusa intlonipho komnye nomnye phakathi kwabaqeshwa kunye naphakathi kwabaqeshwa nomqeshi;
qiniseka okokuba abaphathi kunye nomqeshwa babelana ngokuqondana okuqhelekileyo ngokuziphatha kakubi kunye noluleko;
nyusa izinga lokuziphatha elamkelekileyo;
nika abaqeshwa kunye nomqeshi izalathiso zokwenziwa koluleko ngendlela ekhawulezileyo, kunye nelula;
nqanda kunye nokulungisa impatho engavumelekanga;
khusela ulawulo okanye ululeko ngabaphathi kubaqeshwa.
UMTHETHO SISEKO
Lo mthetho siseko ulandelayo wazisa Ingqokelela yeMithetho Ecwangcisiweyo kwaye kufuneka wazise nasiphi na isigqibo ukoluleka umqeshwa.
Ululeko linyathelo elilungileyo asililo elokohlwaya.
Ululeko ngumsebenzi othile wolawulo;
Ingqokelela yomthetho ecwangcisiweyo yoLuleko iya funeka ekukhuthazeni ukunikelwa kweenkonzo kunye nokuphathwa ngobulungisa kwabasebenzi benkonzo zikawonke wonke, kwakunye nokuqiniseka okokuba abaqeshwa:
a. babenokumamela ngobulungisa kwimbonakalo yelizwe ngokusesikweni nangokungekho sikweni;
b. baziswa maxa wonke ngentetho engenabungqina yempatho mbi eyenziwa ngokuchasene nabo;
c. bafumana izizathu ezibhalwe phantsi zezigqibo ezithathiweyo; kwaye d. babenelungelo lokubhena ngokuchasene naso nasiphi na isigqibo.
INKQUBO : UKUTHABATHA AMANYATHELO OLULEKO
Ukunika amacebo alungileyo. Kwimeko apho imo yokuziphatha kakubi engokuxhalabisileyo, igunyazisa ukunikwa kwamacebo, umphathi womqeshwa kufuneka a:
a. yizise ngaphambili imo yokuziphatha kakubi komqeshi;
b. chaze izizathu zokuziphatha kakubi kwaye anike umqeshwa ithuba lokuphendula;
c. fune ukufumana isivumelwano sokuba impatho yenziwa njani, kwaye d. thatha amanyathelo okuzalisekisa indlela yesenzo ekuvuvunyelwene ngayo.
Izilumkiso ezithethwa ngomlomo. Kwimeko apho imo yokuziphatha kakubi engokuxhalasileyo, igunyazisa ngokunikwa kwamacebo ngezilumkiso ezithethwa ngomlomo, umphathi wabaqeshwa unokunika isilumkiso esithethwa ngomlomo. Umphathi kufuneka axelele umqeshwa okokuba ukuziphatha kakubi futhi kunokuba nemiphumela yokuthatha amanyathelo oluleko axhalabisayo kakhulu, kunye nesilumkiso esishicilelweyo phantsi.
Izilumkiso ezibhalwe phantsi.. Kwimeko apho imo yokuziphatha kakubi engokuxhalasileyo, igunyazisa ngokunikwa kwamacebo ngezilumkiso ezibhalwe phantsi, umphathi wabaqeshwa unokunika isilumkiso esibhalwe phantsi. Olu lungiselelo lulandelayo luya sebenza kwizilumkiso ezibhalwe phantsi :
a. Isilumkiso esibhalwe phantsi sinokusebenzisa uhlobo lweSihlomelo u- B.
b. Umphathi kufuneka anike umqeshwa wakhe ikopi yesilumkiso esibhalwe phantsi aze yena, akusayinele phantsi ukusamkela kwaso. Ukuba umqeshwa akafuni ukusayinela phantsi isamkelo, umphathi kufuneka anikele ngesi silumkiso kumqeshwa phambi kwabanye abaqeshwa, aze asayine isiqinisekiso sokuba isilumkiso sibhalwe phantsi besinikezelwe kumqeshwa.
c. Isilumkiso esibhalwe phantsi kufuneka sigcinwe ngokukhuselekileyo kwindawo ekugcinwe kuyo izinto zomqeshwa ezizezakhe.
d. Isilumkiso esibhalwe phantsi sihlala sisemthethweni ixesha lenyanga ezintandathu. Emva kokuphela kwenyanga ezintandathu, isilumkiso esibhalwe phantsi kufuneka sisusiwe kwindawo ekugcinwa izinto zomqeshwa ezizezakhe zize zitshatyalaliswe.
e. Ukuba ngexesha lezi nyanga zintandathu, umqeshwa uphantsi kokuthathwa kwamanyathelo oluleko, isilumkiso esibhaliweyo sinokuthathelwa ingqalelo ekuthatheni isigqibo semvume eyiyo.
Izilumkiso zokugqibela ezibhalwe phantsi. Kwimeko apho imo yokuziphatha kakubi engokuxhalabisileyo, igunyazisa ukunikwa kwamacebo ngezilumkiso zokugqibela ezibhalwe phantsi, umphathi unokunika isilumkiso sokugqibela esibhalwe phantsi kubaqeshwa. Olu lungiselelo lulandelayo luya sebenza kwizilumkiso zokugqibela ezibhalwe phantsi.
a. isilumkiso sokugqibela esibhalwe phantsi sinokusebenzisa uhlobo lweSihlomelo u-C.
b. umphathi kufuneka anike umqeshwa wakhe ikopi yesilumkiso sokugqibela esibhalwe phantsi aze yena akusayinele phantsi ukusamkela kwaso. Ukuba ngaba umqeshwa akafuni ukusayina isamkelo, umphathi kufuneka anikele ngesi silumkiso kumqeshwa phambi kwabanye abaqeshwa aze asayine isiqinisekiso sokuba isilumkiso sokugqibela esibhalwe phantsi besinikezelwe kumqeshwa.
c.Isilumkiso sokugqibela esibhalwe phantsi kufuneka sigcinwe ngokukhuselekileyo kwindawo ekugcinwa kuyo izinto zomqeshwa ezizezakhe.
d..isilunkiso sokugqibela esibhalwe phantsi sihlala sisemthethweni ixesha lenyanga ezintandathu. Emva kokuphela kwenyanga ezintandathu, isilumkiso sokugqibela esibhalwe phantsi kufuneka sisusiwe kwindawo ekugcinwa izinto ezizezakhe umqeshwa zize zitshatyalaliswe.
e.Ukuba ngexesha lezinyanga zintandathu, umqeshwa uphantsi kokuthathwa kwamanyathelo oluleko, isilumkiso sokugqibela esibhalwe phantsi sinokuthathelwa ingqalelo ekuthatheni isigqibo semvume eyiyo.
Kwintlobo zokuziphatha kakubi ezixhalabisa nganeno, akukho kuncinwa okusesikweni okunokuthi kwenziwe.
Ngenjongo yokuxelwa kokuthathwa kwamanyathelo oluleko angawo, izilumkiso ezisemthethweni zamatyala abufana athi enziwe ngumqeshwa kufuneka athathelwe ingqalelo.
UKUZIPHATHA KAKUBI OKUXHALABISAYO
Ukuba ngaba isityholo sokuziphatha kakubi busisizathu esibonisa imo exhalabisayo yokuthathwa kwamanyathelo ezoluleko,ngaphezu kwaleyo inikezwe kwisiqingatha sesihlanu umqeshi unokuqalisa ngokuthatha amanyathelo wokwenza uphando loluleko. Umqeshi kufuneka onyule ummeli, oya kuthi abe ngumphathi womqeshwa, ukuqalisa uphando.
UPHANDO NGOLULEKO
Isaziso ngophando a.Umqeshwa kufuneka enikwe isaziso esingangentsuku nje ezintlanu zamaxesha empangelo phambi kosuku loxoxo lwetyala.
b. Umqeshwa kufuneka asayine isamkelo seso saziso. Ukuba umqeshi walile ukusayina isamkelo sesaziso, kufuneka sinikwe phambi kwabanye abaqeshwa bona abaza kusayina beqinisekisa ukuba umqeshwa unikiwe.
c. Isaziso esibhalwe phantsi sentlanganiso yezoluleko kufuneka sisebenzise uhlobo lwesihlomelo u-D, kwaye sinike:
inkcazelo yesityholo yokuziphatha kakubi kunye nobungqina obukhulu apho umqeshi anokuthembela kuyo;
iinkcukacha zexesha, kunye nendawo yokudibana elungiselelwe uxoxo lwetyala;
ulwazi ngamalungelo abaqeshwa okumelwa ngabanye abaqeshwa okanye imanyano zabasebenzi ezivumelekileyo, kunye nokuzisa amangqina kolo xoxo lwetyala.
Unqunyanyiso lwesilumkiso okwethutyana a. Umqeshi unokusika umqeshwa okanye ambhatalele ngokugcweleyo okanye amtshintshele kwenye indawo umqeshwa ukuba :
umqeshwa ubangwa ukuba wenze ityala elixhalabisayo; kwaye umqeshwa ukholelwa okokuba ubukho bomqeshwa endaweni yempangelo bunokwenza ubungozi kulo naluphi na uphando lokuziphatha kakubi, okanye bubenobungozi kukhuseleko lwakhe nawuphi umntu okanye ipropathi karhulumente.
b. Ukusikwa okulolu hlobo linyathelo lokuqala olungenzi isigwebo, kwaye kufuneka kuhlawulwe ngokupheleleyo.
c. Ukuba ngaba umqeshwa usikiwe okanye utshintshelwe kwenye indawo njengenyathelo lokuqala, umqeshi kufuneka enze uxoxo lwetyala lwamanyathelo oluleko phakathi kwenyanga enye. Umhlali ngaphambili wolu xoxo lwetyala kufuneka enze isigqibo ngalo naluphi umiso lolo xoxo lwetyala.
Ukuqhutywa koxoxo lwetyala lokuthathwa kwamanyathelo oluleko.
a. Ululeko kufuneka lwenziwe phakathi kwentsuku zexesha lentsebenzo ezilishumi emva kokuba isaziso esixelwe kwisiqingatha u-7.1 (a) sele sinikwe umqeshwa.
b. Umhlali ngaphambili wolu xoxo lwetyala kufuneka ibe ngumqeshwa okudidi oluphezulu kunommeli womqeshwa. Ukuba umqeshwa omangalelwa ngokuziphatha kakubi uyintloko yesebe, igosa elichopheleyo kufuneka libe negunya lokwenza oko okanye omnye umntu onolwazi olululo owonyulwe siSigqeba soMbuso okanye ikomiti yamaPhondo eSebe loMbuso Elilawulayo.
c. Umqeshwa unokumelwa kwangomnye umqeshwa kuxoxo lwetyala ukuba uya kunqwenela oko okanye ummeli wemanyano zabasebenzi ezaziwayo.
d. Xa ngaba kuya funeka, itoliki inokuya kolo xoxo lwetyala.
e. Kuxoxo lwetyala loluleko akukho mqeshi okanye umqeshwa onokumelwa ligqwetha, ngaphandle kokuba umqeshwa uligqwetha. Ngokwenjongo zolu vumelwano, igqwetha ngumntu ochazwa njengomntu ovumelekileyo ukuba asebenze njengommeli okanye igqwetha eMzantsi Afrika.
f. Ukuba umqeshwa akaphumelelanga ukuya kuxoxo lwetyala kwaye umhlali ngaphambili ugqibe okokuba umqeshwa akakhange abe nesizathu esiphathekayo ngokwasemthethweni, uxoxo lwetyala lunokuqhuba umqeshwa engekho.
g. Umhlali ngaphambili kufuneka agcine isaziso soxoxo lwetyala loluleko kwakunye nenkqubo zentlanganiso ngokubhalwe phantsi.
h. Umhlali ngaphambili uya kufunda isaziso kuqala ukwenza ubhalo phantsi aze aqalise uxoxo lwetyala.
Ummeli womqeshi uya kukhokela ubungqina kwimo yokuziphatha ekhokhelele kuxoxo lwetyala. Umqeshwa okanye ummeli womqeshwa uya kubuza naliphi na ingqina elixeliweyo ngummeli womqeshi.
j. Umqeshwa uya kunikwa inxaxheba yokukhokela ubungqina. Ummeli womqeshi unokuthi abuze amangqina.
k. Umhlali ngaphambili uya kubuza naliphi na ingqina imibuzo ukuze acacelwe.
l. Ukuba umhlali ugqibe kwelokuba umqeshwa ube eziphethe kakubi, umhlali ngaphambili kufuneka exelele umqeshwa ngakufumanisileyo kunye nezizathu zoko.
m. Phambi okuba enze isigqibo kwisohlwayo umhlali ngaphambili kufuneka anike umqeshwa ithuba lokuvelisa iinkcukacha ezizizo zokunciphisa ityala. Ummeli womqeshi naye unokuvelisa okwandisa okubi.
n. Umhlali ngaphambili kufuneka athethe kumqeshwa ngeziphumo zokugqibela zoxoxo lwetyala ngethuba nje lentsuku ezintlanu zexesha lempangelo, emveni kokuba kugqitywe ngophando loluleko, kwaye iziphumo kufuneka zibhalwe phantsi zibekwe elugcinweni lwezinto zomqeshwa ezizezakhe.
Isohlwayo a. Ukuba umhlali ngaphambili ufumanise okokuba umqeshwa uziphethe kakubi, kufuneka amgwebe ngokunika isohlwayo, oko kuxhomekeke kwimeko yetyala kunye nokuxhalabisa kokuziphatha kakubi, indlela edlulileyo yokuziphatha komqeshwa ebhalwe phantsi kwakunye naziphi na iindawo ezinokwenza ukuncipha kwetyala. Isohlwayo sinoku kulandelayo:
ukunikwa kwamacebo;
isilumkiso esibhalwe phantsi;
isilumkiso sokugqibela esibhalwe phantsi;
iv. ukusikwa kwakho emsebenzini ungahlawulwa umvuzo wakho kungabingaphezulu kwenyanga ezintathu;
b. Ngesivumelwano nomqeshwa umhlali ngaphambili unokubeka isohlwayo sokusikwa ungahlawulwa umvuzo wakho okanye ukuthotywa esikhundleni njengenye nje indlela yokugxothwa. Ukuba ngaba umqeshwa uthotyiwe esikhundleni sakhe, emva konyaka unokwenza isicelo sokunyuselwa ngaphandle kokuba aqale agwetywe.
c. Umqeshi akanakuphumeza isohlwayo ngexesha lesibheno somqeshwa.
ISIBHENO
Umqeshwa unokubhena ngesiphumo okanye isohlwayo ngokuthi agcwalise Isihlomelo u-E.
Umqeshwa kufuneka ngentsuku ezintlanu zexesha lempangelo efumene isaziso seziphumo zokugqibela zoxoxo lwetyala okanye enye inkqubo yoluleko, afake uxwebhu lwesibheno kwiziphatha mandla zakhe, okanye kumphathi wakhe, oya kuthi yena azigqithisele ngaphambili kwiziphatha mandla zesibheno.
Isiphatha mandla sesibheno esiza kuthathela ingqalelo isibheno kufuneka sibe:
Ukuba ngaba umqeshwa yintloko yesebe, Inkulumbuso enxulumene noko okanye uMphathiswa uya kusithathela isibheno.
Ukuba umntu oxelwe kwisiqingatha u-8.3 ufuna uxoxo lwetyala, kufuneka azise umqeshwa ngomhla kunye nendawo.
Isiphatha mandla sesibheno sinoku a. xhasa isibheno, kwaye / okanye b. nciphisa isohlwayo, okanye c. kwenza isigqibo ngesiphumo senkqubo yoluleko.
Umqeshi uya kuzalisekisa isigqibo sesiphatha mandla sesibheno ngokukhawulezileyo.
Qaphela: Umqeshwa uhlala enalo ilungelo elinikezwa nguMthetho oLawula ubuDlelwane boMsebenzi, lokusebenzisa iindlela yokusombulula impikiswano
ISIHLOMELO U-A
IZENZO ZOKUZIPHATHA KAKUBI
Umqeshwa uya kufunyanwa enetyala lokuziphatha kakubi ukuba phakathi kwezinye izinto (olu luhlu alugqibelelanga)
Akaphumelelanga ukuthobela okanye waphule uMthetho , umgaqo okanye imfanelo esemthethweni.
Ngokuthanda okanye ngokungakhathali aphathe kakubi izimali zikaRhulumente.
Ngokungavumelekanga kubekho ipropathi kaRhulumente ekuye okanye ayisebenzise ngendlela engeyiyo aphathe abaqeshwa kunye / okanye ezinye iindwendwe.
Ngokuthanda nangenjongo okanye ukungakhathali onakalise kunye okanye enze ilahleko kwipropathi kaRhulumente.
Abeke engozini ubomi bakhe okanye obabanye ngokuthi angayihoyi imithetho ekhuselayo okanye imigaqo.
Ukonakaliswa kolawulo, ululeko okanye inkuthalo yesebe, i-ofisi okanye iziko likaRhulumente.
Ukungasetyenziswa ngendlela kwesithuba sakhe kwiziko lemisebenzi kawonke wonke, kunyuswa izinga okanye kusonakaliswa umdla wayo naliphi na iqela lezopolitiko.
Ukubiwa nokunyotywa okanye kwenziwe ubumenemene.
Ukuvumela nayiphi na imbuyekezo yemali okanye into eyelele apho esuka kwilungu likawonke wonke okanye nawuphi na umqeshwa omenzele iingxaki zakhe zakhe ngaphandle kwemvume ebhaliweyo esuka kwisebe.
Ukungaphumeleli ukuthobela umyalelo womthetho okanye umyalelo wesiqhelo ngaphandle kwesizathu nje.
Ukungabikho okanye ukungabikho ngokuphindaphindeneyo emsebenzini ngaphandle kwesizathu okanye isivumelwano.
Wenze izenzo zokutshutshisa ngokwesini
Ucalulo kwabanye abantu ngentsusa yobuhlanga, isini, ukungakwazi ukuzenzela nto, ngokwesini okanye ezinye izinto eziphikisana noMgaqo siseko.
Ngaphandle kwemvume ebhalwe phantsi esuka kwisebe lakhe, enze umsebenzi enyeke imbuyekezo kwindawo efihlakeleyo esenzela omnye umntu okanye iziko, ngeyure zempangelo pkanye ngaphandle kweyure zomsebenzi.
Ngaphandle kwegunya alale emsebenzini.
Ngexesha esemsebenzini yena uphantsi kwempembelelo zokuyotywa, ngokungekho mthethweni, nangokungekho magunyeni wenza loo mkhwa kwaye / okanye udengiswa sisiyobisi, oko kuquka notywala.
Ngexesha esemsebenzini wenza izinto ngendlela engafanelekanga, elihlazo kunye nengavumelekanga.
Waphula nayiphi na Ingqokelela yemithetho ecwangcisiweyo yoLuleko yenkonzo zikawonke wonke.
Ahlasele, okanye azame ukwenza usongelo lwezihlaselo lomnye umqeshwa okanye umntu ngexesha esemsebenzini.
Xhokonxa abanye abaqeshwa kwindlela yokuziphatha engahambi ngokwenkqubo kunye nengekho semthethweni.
Obonisa ukungabahloniphi abanye endaweni yomsebenzi okanye abonise isimilo esinyelisayo okanye esisileyo.
Ukoyikiswa okanye ukuphathwa kakubi ngokukhethwa kwabanye abasebenzi.
Wenze naluphi na uyilo lobolekiso ngemali lwabasebenzi usenzela inzuzo yakho ngeyure zomsebenzi okanye kwindawo zenkonzo zemisebenzi kawonkewonke.
Uphathe okanye ugcine ivolovolo okanye izixhobo eziyingozi kwindawo zikaRhulumente ngaphandle kogunyaziso olubhalwe phantsi olwenziwe ngumqeshi.
Unika iingxelo okanye ubungqina obungeyonyaniso xa esenza umsebenzi wakhe.
Wenza inkohliso ngokubhalwe phantsi okanye nakuphi na okusemaxwebhini.
Uthatha inxaxheba kwizenzo zenkqubo ezingahambi ngendlela, ezingakhuselekanga kwaye / okanye ezingekho mthethweni.
Wenza umthetho ongabhalwanga okanye ityala elimiswe ngokomthetho ngexesha ngexesha ekwisakhiwo sikarhulumente.
ISIHLOMELO U-B
ISILUMKISO ESIBHALWE PHANTSI
UMHLA
IGAMA LOMQESHWA
IINKCUKACHA ZOMQESHWA
Esi sisilumkiso esibhalwe phantsi ngokwenkqubo yezoluleko. Ukuba ngaba uphinde wazidibanisa kokunye ukuziphatha kakubi, isilumkiso esibhalwe sakuthathelwa ingqalelo ukumisela isohlwayo esixhalabisayo kakhulu.
Esi silumkiso siya kubekwa kugcino lwezinto ezizezakhe kwaye siya kuhlala sisemthethweni ixesha lenyanga ezintandathu ukususela kumhla wesilumkiso esibhalwe phantsi. Emva kwenyanga ezintandathu isilumkiso esibhalwe phantsi siya kususwa kugcino lwezinto ezizezakhe luze lutshatyalaliswa.
Ukuba uya sichasa isilumkiso, unokungqalisa isibheno ku- [IGAMA] ngentsukwana nje ezintlanu zempangelo.
INTSAYINO GAMA YOMQESHWA
UMHLA
UMHLA
INTSAYINO GAMA YENGQINA (xa ifuneka)
UMHLA
ISIHLOMELO U-D
ISAZISO SENTLANGANISO YEZOLULEKO
UMHLA
IGAMA LOMQESHWA
IINKCUKACHA ZOMQESHWA
Unikwa isaziso sokuba uye kwintlanganiso yoxoxo lwetyala ngokwegatya le-6 kunye nele-7 lweNgqokelela yeMithetho Ecwangcisiweyo yezoLuleko.
Isityholo sokungaziphathi kakuhle kunye nobungqina obukhoyo bu:
IINKCUKACHA YENKCAZELO YOKUZIPHATHA KAKUBI INOKUNAMATHELISWA
Intlanganiso iya kubanjelwa e... [INDAWO] ngo...[UMHLA] E...[IXESHA]. Ukuba awuphumelelanga kwaye awunako ukunika izizathu zokungakwazi ukuphumelela , intlanganiso iya kuqhubeka ngeli xesha ungekhoyo.
Umntu ophangela kunye naye okanye umntu okumeleyo wemanyano zabasebenzi uya kuthi akumele.
Unganika ubungqina kuxoxo lwetyala ngendlela yamaxwebhu okanye ngamangqina. Uya kuba nelungelo lokubuza naliphi na ingqina elaziswe lisebe.
Ukuba uphando lufumanisa ukuba unetyala lokuziphatha kakubi, ungabeka naziphi na iimeko ezingqalene noku ekugqibeni ngesohlwayo.
INTSAYINO GAMA YOMQESHWA
UMHLA
INTSAYINO GAMA YOMMELI WOMQESHI
UMHLA
INTSAYINO GAMA YENGQINA (xa kufuneka)
UMHLA
ISIHLOMELO U-E
ISAZISO SESIBHENO
UMHLA
Mna..., [IGAMA LOMQESHWA] ndifaka isibheno sokuthatha amanyathelo oluleko esinikwe ngo...[UMHLA] e...[INDAWO].
Ndinamathelise ikopi yesaziso sophando ngoluleko kwaye / okanye isilumkiso esibhalwe phantsi. [ISICELO SESIBHENO ASINASIHLAHLA NGAPHANDLE KOKUBA AMAXWEBHU ANAMATHELISIWE]
Izizathu zokwenza isibheno zezi:
Iziphumo ezinqwenelekayo zesibheno zezi:
Ndinqwenela / andinqweneli [KHETHA IBENYE] kunika ubungqina obongezelelekileyo obungekhoyo ngexesha lokuqhutywa koluleko.
INTSAYINO GAMA YOMQESHWA
UMHLA
IINKCUKACHA ZOMQESHWA
